IINDUMISO 130 - isiXhosa 1975

EzinzulwiniIngoma yezinyuko.

1Ezinzulwini ndinqula wena, Yehova,

2Nkosi, yiva ilizwi lam.

Iindlebe zakho mazilibazele

Ilizwi lokutarhuzisa kwam.

3Ukuba uthe wabunqala ubugwenxa, Yehova,

Ngubani na ongaba nokuma, Nkosi?

4Ngokuba kunawe ukuxolela,

Ukuze woyikwe.

5Ndithembéle kuYehova, uthembile umphefumlo wam;

Ndilindé ilizwi lakhe.

6Umphefumlo wam ulindele eNkosini

Ngaphezu kwabalinde ukusa,

Ewe, abalinde ukusa.

7Lindela kuYehova, Sirayeli,

Ngokuba inceba ikuYehova;

Ikuye inkululeko eninzi.

8Yena ke wowakhulula amaSirayeli

Ebugwenxeni bawo bonke.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help