IEKSODUS 31 - isiXhosa 1975

UBhetsaleli noAholiyabhi bamiselwa umsebenzi womnquba

1Wathetha uYehova kuMoses esithi,

2Khangela, ndibizé ngegama uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda;

3ndamzalisa ngomoya kaThixo, ngobulumko, nangokuqonda, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke;

4ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu,

5nangokukrola amatye, awafake, nangokukrola imithi, asebenze amashishini onke.

6Yabona, mna ndimkhuphé kunye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan; nasezintliziyweni zabo bonke abalumkileyo entliziyweni ndibeke ubulumko, ukuze bazenze zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo:

7intente yokuhlangana, netyeya yesingqino, nesihlalo sokucamagusha esiphezu kwayo, nempahla yonke yentente,

8netafile nempahla yayo, nesiphatho sezibane esicocekileyo, nempahla yaso yonke,

9nesibingelelo sokuqhumisela, nesibingelelo sedini elinyukayo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;

10nezambatho zokubusa, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela;

11neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi sengcwele; benzè njengako konke endikuwisele umthetho ngako.

Ukugcinwa kwesabatha

12Wathetha uYehova kuMoses esithi,

13Wena, thetha koonyana bakaSirayeli uthi, Inene, iisabatha zam zigcineni; kuba zingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu, ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo;

14niyigcine isabatha, kuba ingcwele kuni. Lowo uyihlambelayo wobulawa afe; kuba bonke abo basebenza umsebenzi ngayo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebantwini bakowayo.

15Imihla emithandathu wosebenza umsebenzi ngayo, ke umhla wesixhenxe yisabatha kasabatha, ingcwele kuYehova; bonke abo basebenza umsebenzi ngomhla wesabatha, bobulawa bafe.

16Oonyana bakaSirayeli mabayigcine ke isabatha, bayenze isabatha kwizizukulwana zabo: ingumnqophiso ongunaphakade.

17Phakathi kwam noonyana bakaSirayeli, ngumqondiso ongunaphakade; kuba imihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, waphefumla.

18Akukhova ukuthetha naye entabeni yaseSinayi, wamnika uMoses amacwecwe amabini esingqino, amacwecwe amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help