UISAYA 39 - isiXhosa 1975

Ukunqophisana neBhabheli kuyachaswa

1Ngelo xesha uMerodaki-bhaladan, unyana kaBhaladan, ukumkani waseBhabheli, wathumela incwadi nomnikelo kuHezekiya; kuba wayevile ukuba ubesifa, wabuya wachacha.

2Wavuya uHezekiya ngabo, wababonisa indlu yakhe yezinto aziqwebileyo: isilivere, negolide, nobulawu, neoli entle, nendlu yonke yezixhobo zakhe, nento yonke ebikho ebuncwaneni bakhe. Akwabakho nto endlwini yakhe nasekulawuleni kwakhe konke, angababonisanga yona uHezekiya.

3Waya uIsaya umprofeti kukumkani uHezekiya, wathi kuye, Atheni na la madoda? avele ngaphi na ukuza kuwe? Wathi uHezekiya, Avele ezweni elikude eBhabheli, esiza kum.

4Wathi ke, Abone ntoni na endlwini yakho? Wathi uHezekiya, Abone into yonke esendlwini yam; akubangakho nto ndingababonisanga yona ebuncwaneni bam.

5Wathi uIsaya kuHezekiya, Live ke ilizwi likaYehova wemikhosi.

6Uyabona, kuza imihla, eya kuthi yonke into esendlwini yakho, nento abayiqwebáyo ooyihlo, kwada kwayile mini, ithwalelwe eBhabheli, kungasali nto; utsho uYehova.

7Baya kuthabatha nakoonyana bakho abaya kuphuma kuwe, oya kubazala, babe ngababusi ebhotweni lokumkani waseBhabheli.

8Wathi uHezekiya kuIsaya, Lilungile ilizwi likaYehova, olithethileyo. Wathi, Inene, kuya kubakho uxolo nozingiso ngeyam imihla.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help