IINDUMISO 101 - isiXhosa 1975

Ukuzimisela komphathi ukuba abe lilungisaEkaDavide. Umhobe.

1Ndiya kuvuma ngenceba nangomgwebo;

Ndiya kukubethela uhadi, Yehova.

2Ndiya kuqiqa indlela yengqibelelo;

Ùya kuza nini na kum?

Ndiya kuhamba ngengqibelelo yentliziyo yam

Phakathi kwendlu yam.

3Andiyi kubeka phambi kwamehlo am

Nto inobutshijolo.

Ukwenza ngokunxaxha ndikuthiyile,

Akuyi kunamathela kum.

4Intliziyo ejibilizayo iya kukhwelela kude kum;

Into embi andiyi kuyazi.

5Omhlebayo ummelwane wakhe ngasese,

Lowo ndiya kumbhangisa.

Omehlo aqwayingileyo, ontliziyo igungubeleyo,

Lowo andinakumthwala.

6Amehlo am akwabanyanisayo ezweni,

Ukuba bandiphahle;

Ohamba ngendlela yengqibelelo,

Lowo makandilungiselele.

7Akayi kuhlala phakathi kwendlu yam

Owenza inkohliso;

Othetha ubuxoki akayi kuqina

Phambi kwamehlo am.

8Imiso ngemiso, ndiya kubabhangisa

Bonke abangendawo belizwe,

Ukuze ndibanqumle emzini kaYehova

Bonke abasebenzi bobutshinga.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help