IINDUMISO 98 - isiXhosa 1975

UThixo makabongwe ngenxa yobulungisa bakheUmhobe.

1Vumani kuYehova ingoma entsha,

Ngokuba wenzé imisebenzi ebalulekileyo;

Símzuzele uloyiso isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe engcwele.

2Ulwazisile uYehova usindiso lwakhe,

Ubutyhilile emehlweni eentlanga ubulungisa bakhe.

3Ukhumbulé inceba yakhe nokunyanisa kwakhe kwindlu kaSirayeli;

Zilubonile zonke iziphelo zehlabathi usindiso loThixo wethu.

4Dumani kuYehova, nonke hlabathi,

Gqobhokelani ekumemeleleni, nibethe uhadi.

5Mbetheleni uhadi uYehova,

Uhadi nelizwi lengoma;

6Ngamaxilongo nezwi lesigodlo

Dumani phambi koKumkani uYehova.

7Malugqume ulwandle nenzaliseko yalo,

Elimiweyo nabemi balo.

8Imilambo mayibethe izandla,

Zimemelele kunye iintaba

9Phambi koYehova, ngokuba esiza kugweba ihlabathi.

Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa,

Izizwe ngokuthe tye.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help