IINDUMISO 62 - isiXhosa 1975

UThixo ukuphela kwenqaba ekhoyoKumongameli. KuYedutun. Umhobe kaDavide.

1Úthozamele kuThixo kwaphela umphefumlo wam;

Kuvela kuye ukusindiswa kwam.

2Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam,

Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa kakhulu.

3Kunini na nisuka indulumbane emntwini?

Kunini na nimncinitha nonke niphela, enjengodonga oluzimkayo, enjengothango oluwayo?

4Bagqibé kwelokuba bamtyhale bamsuse ekuphakameni kwakhe kuphele;

Bakholene namanga;

Basikelela elowo ngomlomo, embilinini yabo bayatshabhisa. (Phakamisani.)

5Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam,

Ngokuba livela kuye ithemba lam.

6Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam,

Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa.

7KunoThixo ukusindiswa kwam nozuko lwam;

Iliwa lokunqaba kwam nehlathi lam likuThixo.

8Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu;

Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe.

UThixo ulihlathi kuthi. (Phakamisani.)

9Bangumphunga kwaphela onyana boluntu, ngamanga oonyana bamadoda;

Esikalini• bangenyuka,

Bangumphunga bephelele.

10Musani ukukholosa ngokudla abantu,

Ningazenzi into engeyanto ngento exhakamfuliweyo.

Yakwanda imfuyo, musani ukuyinyamekela.

11Uthethé nto-nye uThixo,

Ezi zinto zimbini ndizivile:

Ukuba amandla ngakaThixo,

12Nenceba yeyakho, Nkosi yam;

Ngokuba uyababuyekeza, elowo ngokwezenzo zakhe.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help