IINDUMISO 91 - isiXhosa 1975

UThixo uyabakhusela abamthembayo

1Ohleli esitheni lOsenyangweni,

Azilalise emthunzini kaSomandla,

2Úthi keYehova, Hlathi lam, Mboniselo yam,

Thixo wam, endikholose ngaye!

3Ngokuba ngokwakhe uya kukuhlangula emgibeni womthiyeli,

Endyikityeni yokufa eyeyelisayo.

4Wókugubungela ngeentsiba zakhe,

Ùzimele phantsi kwamaphiko akhe.

Likhaka, yingweletshetshe inyaniso yakhe.

5Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku,

Nalutolo lubaleka emini;

6Nandyikitya yakufa ihamba esithokothokweni,

Nasifo sibhubhisayo, sibhuqa emini enkulu.

7Kungawa iwaka ecaleni kwakho,

Isigidi ngasekunene kwakho,

Kodwa kungasondeli nto kuwe.

8Wòkhangela ngamehlo akho odwa,

Ukubonele ukubuyekezwa kwabangendawo.

9Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam.

Ùmenze Osenyangweni ikhaya lakho.

10Akuyi kuqubisana bubi nawe.

Kungafiki sibetho ententeni yakho.

11Ngokuba izithunywa zakhe úziwisele umthetho ngawe,

Ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke.

12Zokuthwala wena ngezandla zozibini,

Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.

13Wònyathela phezu kwengonyama nephimpi,

Uyinyashe ingonyama entsha nenamba ngeenyawo.

14Ngokuba enamathele kum, ndomsiza;

Ndimse engxondeni, ngokuba elazi igama lam.

15Wóndibiza, ndiphendule,

Ndoba naye embandezelweni;

Ndomhlangula, ndimzukise;

16Ndimanelise ngemihla emide,

Ndimbonise ukusindisa kwam.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help