IINDUMISO 76 - isiXhosa 1975

Ubungangamsha bukaThixo eZiyonKumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe ka-Asafu. Ingoma.

1Waziwa kwaYuda uThixo,

Likhulu kwaSirayeli igama lakhe.

2Umnquba wakhe waba seSalem,

Nekhaya lakhe eZiyon.

3Wayaphula apho imibane yesaphetha,

Ingweletshetshe, nekrele, nezixhobo zemfazwe. (Phakamisani.)

4Ùkhanyile, uyingangamsha ngaphezu kweentaba zokuqwenga.

5Babhunyulwe abantliziyo iyimbalasane,

Balala umlala kanye,

Akazifumana izandla zawo onke amakroti.

6Ekukhalimeni kwakho, Thixo kaYakobi,

Kwasindwa bubuthongo iinqwelo zokulwa namahashe.

7Unguwena wena woyikekayo;

Ngubani na onokuma phambi kwakho, wakuba nomsindo?

8Emazulwini usivakalisile isigwebo;

Loyika ihlabathi, lazola,

9Ekusukeni kukaThixo ukuba agwebe,

Abasindise bonke abalulamileyo behlabathi. (Phakamisani.)

10Ngokuba ubushushu bomntu buya kuba ngumbulelo kuwe;

Ùya kuwabhinqa amasalela obushushu.

11Bhambathisani, nisizalise isibhambathiso kuYehova uThixo wenu;

Bonke abamngqongileyo mabeze nezithabathaba kofanele kukoyikwa.

12Úya kunqumla ukufutha kweengànga,

Uyoyikeka kookumkani behlabathi.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help