1Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
2Ulawulo nonkwantyiso lunaye;
Wenza uxolo ezindaweni zakhe eziphezulu.
3Inokubalwa na imikhosi yakhe?
Ngubani na ongàphunyelwayo kukukhanya kwakhe?
4Angáthini na umntu ukuba lilungisa kuThixo?
Angáthini na ukuba ngoqaqambileyo ozelwe ngumfazi?
5Yabona, nenyanga ayimhlophe,
Neenkwenkwezi aziqaqambile, emehlweni akhe.
6Ubeké phi na ke umntu, impethu le,
Nonyana ka-Adam, umbungu lo?
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.