INGOMA YAZO IINGOMA 6 - isiXhosa 1975

Isincoko esingothando lomtshakazi nomyeni

1Iye phi na intánda yakho,

Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi?

Ibheke ngaphi na intánda yakho,

Ukuze sikufunise?

2Intánda yam ihle yaya emyezweni wayo, emityinweni yetyeleba,

Ukuba yalusele emyezweni, ukuba ikhe iinyibiba.

3Mna ndingowentánda yam, nentánda yam yeyam yona;

Yalusela ezinyibibeni.

4Ùyinzwakazi, wethu, njengeTirtsa,

Ùnomkhitha njengeYerusalem;

Wòyikeka njengemikhosi eneebhanile.•

5Wasuse amehlo akho kum,

Ngokuba andiqwelile.

Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe

Ezisemathambekeni aseGiliyadi.

6Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zeegusha

Ezinyukayo, zivela ekuhlanjweni,

Zonke zizele amawele,

Kungekho ifelweyo kuzo.

7Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho,

Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho.

8Bangamashumi amathandathu ookumkanikazi, angamashumi asibohzo amashweshwe,

Neentombi ezingenakubalwa.

9Mnye yena olivukuthu lam oyingqibeleli yam;

Mnye yena kunina,

Umnyulwa walowo wamzaláyo.

Zambona iintombi, zathi únoyolo,

Bamdumisa ookumkanikazi namashweshwe.

10Ngubani na lo uthi gqi njengesifingo,

Mhle njengenyanga,

Unyulu njengelanga,

Woyikeka njengemikhosi eneebhanile?

11Bendihle ndaya emyezweni weminoti,•

Ukuba ndikhangele uhlaza lwesihlambo,

Ndikhangele ukuba umdiliya unamathupha na,

Imirharnate ityatyambile na.

12Bendingazi ukuba umphefumlo wam undibeke

Ezinqwelweni zabantu bam, zamanene.

13Buya, buya, mShulamikazi;

Buya, buya, sikubone.

Nibona ntoni na kumShulamikazi,

Njengokungathi kukuqamba kwabaMahanayim?

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help