IINDUMISO 92 - isiXhosa 1975

Umbongo wolungiselelo lukaThixoUmhobe; ingoma, ngemini yesabatha.

1Kulungile ukubulela kuYehova,

Nokulibethela uhadi igama lakho, Wena usenyangweni;

2Ukuyixela kwakusasa inceba yakho,

Nokunyanisa kwakho ebusuku,

3Ngoweentambo ezilishumi nangomrhubhe,

Ngokulubetha uhadi ngofefe.

4Ngokuba ùyandivuyisa, Yehova, ngomsebenzi wakho,

Ngezenzo zezandla zakho ndinokumemelela.

5Azizikhulu izenzo zakho, Yehova!

Zinzulu kakhulu iingcinga zakho.

6Isityhakala asinakwazi;

Isinyabi asikuqondi oko.

7Ekudubuleni kongendawo njengomfuno,

Ekutyatyambeni kwabasebenzi bonke bobutshinga,

Kukuze batshabalale ngonaphakade.

8Ke wena, Yehova, ungophezulu ngonaphakade.

9Ngokuba ùyabona, iintshaba zakho, Yehova,

Ngokuba ùyabona, iintshaba zakho ziya kutshabalala;

Baya kuchithwa-chithwa bonke abasebenzi bobutshinga.

10Ùyaluphakamisa uphondo lwam njengolwenqu;

Ndigalélwe ioli entsha.

11Iliso lam liyababonela abandilalelayo,

Indlebe yam iyabeva abasukela phezulu kum benobubi.

12Amalungisa aya kudubula njengesundu,

Aya kukhula njengomsedare• weLebhanon.

13Etyelwe nje endlwini kaYehova,

Aya kutyatyamba ezintendelezweni zoThixo wethu.

14Aya kuhluma eselenezimvi,

Aya kuba etyebile, eluhlaza;

15Ukuze axele ukuba uthe tye uYehova,

Uliwa lam, kungekho bugqwetha kuye.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help