IINDUMISO 48 - isiXhosa 1975

Ubuhle nokomelela kweZiyonIngoma. Umhobe. Eyoonyana babaKora.

1Mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene

Emzini kaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.

2Intle ukuphakama kwayo, yimihlali yehlabathi lonke

Intaba yaseZiyon, intlomo yasentla,

Umzi woKumkani omkhulu.

3UThixo, ezingxandeni zawo ezinde,

Wazélwa ukuba yingxonde.

4Kuba nâbo ookumkani babenqophisene,

Bawela beza kunye;

5Bakuthi ukubona, àbakhuluma;

Bakhwankqa, babaleka buphuthuphuthu;

6Babanjwa khona kukuthuthumela,

Kukuzibhijabhija njengozalayo.

7Ngomoya wasempumalanga

Ùyazivitha iinqanawa zaseTarshishe.

8Njengoko sikuvileyo, siboné kunjalo

Emzini kaYehova wemikhosi, emzini kaThixo wethu:

UThixo uyawuzinzisa ngonaphakade. (Phakamisani.)

9Sayikhumbula, Thixo, inceba yakho

Phakathi kwetempile yakho.

10Njengoko linjalo igama lakho, Thixo,

Lunjalo udumiso lwakho,

Kwesa eziphelweni zehlabathi;

Isandla sakho sokunene sizele bubulungisa.

11Mayivuye intaba yaseZiyon,

Agcobe amagxamesi akwaYuda,

Ngenxa yezigwebo zakho.

12Yijikelezeni iZiyon, niyizunguleze;

Zibaleni iinqaba zayo ezinde.

13Gqalani ungqameko lomsele wayo;

Candani ezingxandeni zayo ezinde;

Ukuze nibalisele isizukulwana esizayo,

14Ukuba lo Thixo nguThixo wethu ngonaphakade kanaphakade,

Yena uya kusikhapha kude kuse ekufeni.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help