1Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo.
Bonákalisile, balisikizi ngeentlondi zabo;
Akukho wenza okulungileyo.
2UYehova esemazulwini uqondele koonyana babantu,
Ukubona ukuba ukho na oqiqayo,
Oquqela kuThixo.
3Bonke batyekile, bayimbozisa bephelele;
Akukho wenza okulungileyo,
Akukho nokuba abe mnye.
4Àbanakwazi na bonke abasebenzi bobutshinga,
Àbathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka,
Bangamnquli uYehova?
5Apho bankwantya benkwantyile;
Ngokuba uThixo usesizukulwaneni samalungisa.
6Icebo losizana ningálidanisa,
Kodwa uYehova ulihlathi lalo.
7Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli!
Ekubabuyiseni kukaYehova abantu bakhe ekuthinjweni,
Wogcoba uYakobi, avuye uSirayeli.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.