1Yeha, umzi wamagazi! Úzele kwaphela luhanahaniso nakukudlavula; akumki kuwo ukuqwenga.
2Isithonga seziniya, nesithonga sokugoqoza kweevili, nokuphala kwamahashe, nokuxhuma kweenqwelo zokulwa;
3abamahashe besenza amagqasi, ukubengezela kwamakrele, nokumenyezela kwezikhali; ukuba baninzi ababuleweyo, izigigaba zabafileyo; ewe, azinakuphela izidumbu; bayakhubeka ezidumbini zabo;
4ngenxa yobuninzi bezihenyuzo zehenyukazi elihle, elinesoya, umnikazi-kukhafula, othengisa iintlanga ngezihenyuzo zakhe, nemizalwane ngokukhafula kwakhe.
5Uthi uYehova wemikhosi, Yabona, ndikuchasile; ndozityhila iingubo zakho, ndiziphose phezu kobuso bakho, ndizibonise iintlanga ubuzé bakho; ndizibonise izikumkani ukucukucezwa kwakho.
6Ndiya kukugalela ngezinto ezinezothe, ndikwenze inqambi, ndikwenze ube njengento ebonelwayo.
7Kuya kuthi, bonke abakubonayo bakubaleke, bathi, INineve ibhuqekile; ngubani na oya kuyikhuza? ndokufunela phi na abathuthuzeli?
8Ùyidlule ngokulunga yini na iNoka-Amon, eyamisa emijelweni yoMnayile, amanzi engeenxa zonke kuyo; elungqameko lwayo ibilulwandle, udonga lwayo lululwandle?
9Ayengamandla ayo amaKushi kwanamaYiputa, engenakuphela ndawo ke; amaPuti namaLubhi avengabancedisi bayo.
10Nayo ke leyo yafuduswa, yathinjwa, neentsana zayo zacunyuzwa ezimbonjeni zezitrato zonke; amadoda azukileyo kuyo bawenzela amaqashiso; bonke abakhulu kuyo babakhonkxa ngemixokelelwane.
11Nawe lo ùya kunxila, ùya kufihlakala; nawe lo ùya kufuna igwiba ngenxa yotshaba.
12Zonke iinqaba zakho ziyimikhiwane enamakhiwane aqalelayo; ukuba avuthululwe, owá emlonyeni wowadlayo.
13Yabona, abantu bakho bangamankazana phakathi kwakho apho; avulekile amasango elizwe lakho, avulekela iintshaba zakho; umlilo utshisa imivalo yakho.
14Zikhelele amanzi angqingo, qinisa iinqaba zakho; ngena eludakeni, uxovule udongwe; lungisa iziko lokutshisa izitena.
15Khona apho umlilo uya kukutshisa; ikrele liya kukunqumla, liya kukudla njengenkumbi ekhothululayo. Zándíse njengenkumbi ekhothululayo, zándíse njengenkumbi eyandayo.
16Ùbandisile ke abarhwebi bakho ngaphezu kweenkwenkwezi zezulu; inkumbi ekhothululayo igalelekile, yabhunyula, yabaleka yemka.
17Abalúluhle bakho banjengeenkumbi ezandayo, abathetheli bakho banjengemiqikela, ngemiqikela yeenkumbi, ezilalisa ezintangweni mhla ngengqele; lithi lingaphuma ilanga, zibaleke zimke, ingazeki indawo yazo, ukuba ziphi na.
18Balele abalusi bakho, kumkani Asiriya; zilele phantsi iingangamsha zakho; bathe phangalala abantu bakho ezintabeni, akukho ubabuthayo.
19Àkuhlangani ukwaphuka kwakho; inxeba lakho lelibulalayo. Bonke abazivayo iindaba zakho babetha izandla ngawe; ngokuba ngubani na ezingadlulanga phezu kwakhe izinto zakho ezimbi ngamaxesha onke?
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.