1Ndíbabale, Thixo, ngokuba abantu bendizonda;
Bandixinile, besilwa yonke imini;
2Abandilalelayo bandizonda yonke imini,
Ngokuba baninzi abalwa nam beziphakamisile.
3Mhlana ndinxunguphalayo mna,
Ndokoholosa ngawe.
4Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe,
Ndikholòse ngoThixo, ndingoyiki;
Inokundenza ntoni na inyama?
5Yonke imini bayawaphambanisa amazwi am;
Zingam zonke iingcinga zabo zobubi.
6Baqukene, babonisele,
Bona bagcine izithende zam,
Ngokokuba belinde umphefumlo wam.
7Bengamatshinga nje, bosinda na?
Zihlise ngomsindo izizwe, Thixo.
8Ukuphalaphala kwam ùkubhalile wena;
Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho;
Àzisencwadini yakho na?
9Ziya kubuya umva ke iintshaba zam, mhlana ndibizayo;
Ndiyakwazi oku, ukuba uThixo unam.
10Ndilidumisa ngoThixo ilizwi,
Ndilidumisa ngoYehova ilizwi.
11Ndikholosé ngoThixo, ndingoyiki;
Únokundenza ntoni na umntu?
12Ziphezu kwam, Thixo, izibhambathiso zakho;
Ndiya kuyizalisa kuwe imibingelelo yombulelo.
13Ngokuba uwuhlangule ekufeni umphefumlo wam,
Iinyawo zam ekukhubekeni,
Ukuba ndihambe phambi koThixo
Ekukhanyeni kobomi.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.