IINDUMISO 136 - isiXhosa 1975

Umbulelo ngenxa yenceba kaThixo

1Bulelani kuYehova, ngokuba elungile:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

2Bulelani kuThixo woothixo:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

3Bulelani kuNkosi kankosi:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

4KuloMenzi wemisebenzi ebalulekileyo emikhulu yedwa:

Ngokuba ingunaphakade inceba yake.

5KuloMenzi wezulu ngengqondo:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

6KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

7KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

8Ilanga lilawule emini:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

9Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

10Kulowabulala amaYiputa kumazibulo awo:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

11Wawakhupha amaSirayeli phakathi kwawo:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

12Ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo:

Ngokuba ingunaphakade inceba yekhe.

13KuloMgabuli woLwandle oluBomvu,• lwagabuka:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

14Wawaweza amaSirayeli esazulwini salo:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

15Wamvuthululela uFaro nempi yakhe eLwandle oluBomvu:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

16Kulohambisa abantu bakhe entlango:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

17Kulowaxabela ookumkani abakhulu:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

18Wabulala ookumkani abaziingangamsha:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

19USihon, ukumkani wama-Amori:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

20No-Ogi, ukumkani waseBhashan:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

21Walinikela ilizwe labo laba lilifa:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe,

22Laba lilifa kuSirayeli umkhonzi wakhe:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

23Owasikhumbulayo ebuphantsini bethu:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

24Wasihlangula kwabasibandezelayo:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

25Ulonika into yonke ephilileyo ukudla:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

26Bulelani kuThixo wamazulu:

Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help