1UAbhiya walala kooyise; bamngcwabela emzini kaDavide; ke uAsa unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe lazola iminyaka yalishumi.
2UAsa wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakhe.
3Wazisusa izibingelelo nezigánga zezithixo zolunye uhlanga; waziqhekeza izimiso zamatye, wabagawula ooAshera.•
4Wathi kumaYuda makamquqele uYehova, uThixo wooyise, awenze umyalelo nomthetho.
5Wazisusa ke emizini yonke yakwaYuda izigánga, neentsika zelanga; bazola ubukukani phambi kwakhe.
6Wákha imizi enqatyisiweyo kwaYuda; ngokuba ilizwe belizolile, kungekho mfazwe ayilwayo ngaloo minyaka; ngokuba uYehova wayemphumzile.
7Wathi ke kumaYuda, Masiyakhe le mizi, siyijikeleze ngeendonga neenqaba ezinde, senze iingcango nemivalo, lisephambi kwethu nje ilizwe; ngokuba simquqele uYehova uThixo wethu samquqela, wasiphumza ke ngeenxa zonke. Bayakha baba nempumelelo.
8Ke kaloku uAsa wayenempi ephatha amakhaka nezikhali: kwaYuda ingamakhulu amathathu amawaka; nakwaBhenjamin, abaphatha iingweletshetshe nabatyeda izaphetha babengamakhulu, amabini anamanci asibhozo amawaka. Bonke abo babengamagorha anobukroti.
9Kwaphuma kwaza kulwa nabo uZera umKushi, enempi eliwaka lamawaka, neenqwelo zokulwa ezimakhulu mathathu; wada weza eMaresha.
10Waphuma uAsa esiya kumhlangabeza, bákha izintlu emfuleni weTsefata eMaresha.
11UAsa wabiza kuYehova uThixo wakhe, wathi, Yehova, akukho bani ingenguwe onokunceda phakathi konamandla nongenawo. Síncede, Yehova, Thixo wethu; ngokuba sayamé ngawe, sizé kule ngxokolo egameni lakho. Yehova, ùnguThixo wethu, makangabi namandla umntu okumelana nawe.
12UYehova wawaxabela amaKushi phambi koAsa, naphambi kwamaYuda; asaba ke amaKushi.
13UAsa nabantu ababenaye bawasukela, bada besa eGerare; oyiswa amaKushi ngokokude angabi nakubuya aphethule; ngokuba aqotywa phambi koYehova, naphambi komkhosi wakhe; bemka nexhoba elininzi kunene.
14Bayingenela yonke imizi ngeenxa zonke eGerare; ngokuba yafikelwa kukunkwantyiswa nguYehova. Bayiphanga yonke imizi; ngokuba amaxhoba ayemaninzi kuyo.
15Batshabalalisa neentente zemfuyo, bathimba impahla emfutshane yaninzi, neenkamela; babuya ke baya eYerusalem.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.