1Thixo, usihlambile, wasichitha,
Waqumba; ngamana wasibuyisa.
2Ulinyikimisile ilizwe, ulikrazule;
Philisa iintanda zalo ngokuba lishukuma.
3Ubabonisile abantu bakho into elukhuni,
Usisezé iwayini ehexisayo.
4Ubanike ibhanile• abakoyikayo,
Ukuba bayiphakamise ngenxa yenyaniso. (Phakamisani.)
5Ukuze zihlangulwe iintánda zakho,
Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule.
6UThixo uthethe engcwele: mandivuyelele,
Ndimabe uShekem, ndiyilinganisele intili yaseSukoti.
7Ngowam uGiliyadi, ngowam uManase,
UEfrayim sisigcina-ntloko sam,
UYuda yintonga yam yommiselo;
8UMowabhi sisitya sam sokuhlambela,
Ndiyiphosa kuEdom imbadada yam;
Filisti, nkqangaza wena ngam.
9Ngubani na owondisa emzini wamandla?
Ngubani na owondikhaphela kwaEdom?
10Asinguwe na, kwawena Thixo, osihlambileyo?
Àkwaphuma, Thixo, nemikhosi yethu.
11Síncede kumbandezeli wethu;
Alunto yanto usindiso lomntu.
12NgoThixo siya kweyisa,
Wóbagqusha yena ababandezeli bethu.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.