IINDUMISO 67 - isiXhosa 1975

Zonke izizwe ziyayalwa ukuba zibonge uThixoKumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe. Ingoma.

1Ngamana uThixo wasibabala, wasisikelela,

Wabukhanyisa ubuso bakhe kuthi; (Phakamisani.)

2Ukuze yaziwe ehlabathini indlela yakho,

Usindiso lwakho ezintlangeni zonke.

3Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo,

Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela;

4Zavuya zamemelela izizwe:

Ngokuba ùya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye,

Uzikhaphe izizwe ehlabathini. (Phakamisani.)

5Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo,

Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela.

6Umhlaba uyivelisile indyebo yawo;

Úya kusisikelela uThixo, uThixo wethu;

7Úya kusisikelela uThixo,

Zimoyike zonke iziphelo zehlabathi.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help