1Ngabo aba oonyana bakaDavide, awabazalelwayo eHebron: owamazibulo ibinguAmnon ka-Ahinowam waseYizereli; owesibini nguDaniyeli ka-Abhigali waseKarmele;
2owesithathu nguAbhisalom unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri; owesiné nguAdoniya unyana kaHagiti;
3owesihlanu nguShefatiya ngoAbhitali; owesithandathu nguItram ngoEgela umkakhe.
4Abo bathandathu wabazalelwa eHebron; waba ngukumkani khona iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu. Waba neminyaka emashumi mathathu anamithathu engukumkani eYerusalem.
5Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobané, ngoBhateshuwa intombi ka-Amiyeli;
6nguIbhehare, noElishama, noElifelete,
7noNoga, noNefege, noYafiya,
8noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba.
9Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; ndodade wabo ibinguTamare.
10Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe;
11nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe;
12nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe;
13nguAhazi unyana wakhe; nguHezekiya unyana wakhe; nguManase unyana wakhe;
14nguAmon unyana wakhe; nguYosiya unyana wakhe.
15Oonyana bakaYosiya nguYohanan, amazibulo akhe, nguYoyakim owesibini, nguZedekiya owesithathu, nguShalum owesiné.
16Oonyana bakaYoyakim nguYekoniya unyana wakhe; nguZedekiya unyana wakhe.
17Oonyana bakaYekoniya nguAsire, nguShelatiyeli unyana wakhe, noMalekiram,
18noPedaya, noShenatsare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya.
19Oonyana bakaPedaya ngooZerubhabheli noShimehi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benoShelomiti udade wabo;
20noHashubha, no-Oheli, noBherekiya, noHasadiya, noYushabhi-hesede; bahlanu.
21Oonyana bakaHananiya ngooPelatiya noYesaya; oonyana bakaRefaya; oonyana baka-Arnan; oonyana bakaObhadiya; oonyana bakaShekaniya.
22Oonyana bakaShekaniya nguShemaya; oonyana bakaShemaya ngooHatushe, noIgali, noBhariya, noNeyariya, noShafati; bathandathu.
23Oonyana bakaNeyariya ngooEliyohenayi, noHezekiya, noAzerikam; bathuthu.
24Oonyana bakaEliyohenayi ngooHodaya, noEliyashibhi, noPelaya, noAkubhi, noYohanan, noDelaya, noAnani; basixhenxe.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.