1Ndiya kukuphakamisa, Yehova, kuba undirholile wandinyusa,
Akwazivuyisa iintshaba zam ngam.
2Yehova, Thixo wam,
Ndazibika kuwe, wandiphilisa;
3Yehova, uwunyusile kwelabafileyo umphefumlo wam,
Wandidlisa ubomi, ukuba ndingehli ndiye emhadini.
4Mbetheleni uhadi uYehova, nina bakhe benceba,
Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele.
5Ngokuba yinto yephanyazo umsindo wakhe,
Itarhu lakhe liyinto yobomi;
Ngokuhlwa kulalisa ukulila,
Kusasa kubakho ukumemelela.
6Ke mna ndathi ebunqobeni bam,
Andiyi kushukunyiswa naphakade.
7Yehova, enkolosekweni yakho ùbuyiqinisile intaba yam;
Ubusithelisile ubuso bakho, ndakhwankqiswa.
8Ndadanduluka kuwe, Yehova,
Ndakhunga kuYehova:
9Ndathi, Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhlèni kwam ndiye esihogweni?
Lokudumisa na uthuli? loyixela na inyaniso yakho?
10Yiva, Yehova, undibabale;
Yehova, yiba ngumncedi wam.
11Wakugúqula ukulila kwam, kwaba kukuqamba;
Wandikhulula ezirhwexayo, wandibhinqisa uvuyo,
12Ukuze uzuko lwam luvume ngawe, lungàthi cwaka.
Yehova, Thixo wam, ndiya kubulela kuwe ngonaphakade.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.