UYOBHI 37 - isiXhosa 1975

1Inene, ngale nto iyagubha intliziyo yam,

Ixhume endaweni yayo.

2Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe,

Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe.

3Úkusingisa ngaphantsi kwezulu lonke,

Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi.

4Emva kwawo kubhonga ilizwi;

Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe;

Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.

5UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo,

Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.

6Kuba úthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni;

Nakwisiphango semvula,

Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.

7Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele,

Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo.

8Amarhamncwa angena emlaleleni,

Ahlale ezikhundleni zawo.

9Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi;

Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.

10Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce,

Ububanzi bamanzi bucutheke.

11Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi;

Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.

12Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye,

Ukuze enze konke awawamisela khona

Ebusweni behlabathi elimiweyo;

13Nokuba kungenxa yokubetha, nokuba kungenxa yehlabathi lakhe,

Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa.

14Oko kubekele indlebe, Yobhi;

Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo.

15Ùyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe,

Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?

16Ùyazi na ukulinganiselwa kwamafu,

Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi?

17Wena ungubo zifudumeleyo,

Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;

18Ùsikhánda usolule naye na isibhakabhaka,

Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?

19Sázise esingákuthethayo thina kuye;

Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama.

20Wóbikelwa na ukuthi ndiyathetha?

Umntu uthi makaginywe na?

21Ke ngoku àkubonwa kukhanya

Kukhazimlayo, kusesibhakabhakeni;

Kudlula umoya, lise.

22Entla kuziwa negolide;

Phezu koThixo yindili eyoyikekayo.

23USomandla asinakumfumana, mkhulu ngamandla;

Akagwenxi siko nabuninzi bobulungisa.

24Ngako oko bayamoyika abantu;

Akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help