UISAYA 47 - isiXhosa 1975

Umemelelo ngokuwa kweBhabheli

1Yihla, uhlale eluthulini, nkazanandini, ntombi inguBhabheli; hlala phantsi emhlabeni ungenatrone, ntombi ingamaKaledi; ngokuba akuyi kuba sathiwa uyimvoco, noxhamla ubuncwane.

2Thabatha amatye, usile umgubo; bhenqa isigqubuthelo sakho, finyezela phezulu, tyhila umlenze, wela imilambo.

3Mabutyhileke ubuzé bakho, kubonakale nokungcikiveka kwakho; ndiya kuphindezela, andiyi kubuka mntu.

4Umkhululi wethu, igama lakhe nguYehova wemikhosi, oyiNgcwele kaSirayeli.

5Hlala uthi cwaka, ungene emnyameni, ntombi ingamaKaledi; ngokuba akuyi kuba sabizwa ngokuba uyinkosikazi yezikumkani.

6Ndába noburhalarhume kubantu bam, ndalingcolisa ilifa lam, ndabanikela ezandleni zakho; akwaba namfesane kubo; naphezu kwamadoda amakhulu wayenza yanzima kakhulu idyokhwe yakho.

7Ubusithi, Ndiya kuba yinkosikazi ngonaphakade; wada akwakunyamekela oko ngentliziyo, akwalikhumbula ikamva lakho oko.

8Kaloku ke yiva oku, wena mxhamli weziyolo, uhleliyo ukholosile, wena uthi entliziyweni yakho, Ndim kwaphela, akukho wumbi; andiyi kuhlala ndingumhlolokazi, andiyi kukwazi ukungabi nabantwana.

9Ziya kukuzela ezo zinto zombini ngephanyazo, ngamini-nye, ukungabi nabantwana nobuhlolokazi; ziya kukuzela ngokugqibelela kwazo ebuninzini bokukhafula kwakho, enkitheni eninzi yomabophe bakho.

10Ngokuba ukholose ngezinto zakho ezimbi, wathi, Akukho undibonayo; ubulumko bakho nokwazi kwakho kúko okukuphambanisileyo; wathi entliziyweni yakho, Ndim kwaphela, akukho wumbi.

11Bokuzela ke ububi, ungakwazi ukubunyanga; ikuwele inkohlakalo, ungabi nako ukuyicamagushela; ikuzele ngesiquphe intshabalala ongayaziyo.

12Khawumise ngomabophe bakho, nangokukhafula kwakho okuninzi, ozixhamle ngako kwasebuncinaneni bakho; mhlawumbi ungaba nokunceda, mhlawumbi ungaba nokweyisa.

13Ùdiniwe bubuninzi bamaqhinga akho; mabamise kaloku, bakusindise oonocanda bezulu, oojongiinkwenkwezi, abakwazisayo ekuthwaseni kwenyanga ngenyanga izinto ezikuzelayo.

14Yabona, basuke baba njengeendiza; umlilo ubatshisile; abanakuwuhlangula umphefumlo wabo emandleni elangatye; akukho lahle lakuzifudumeza, akukho mlilo kungahlalwa phambi kwawo.

15Boba njalo kuwe abo uzixhamle ngabo, ababerhwebelana nawe kwasebuncinaneni bakho; elowo uya kundwendwela ecaleni lakhe, kungabikho ukusindisayo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help