1Ngabo aba oonyana bakaSirayeli: nguRubhen, noSimon, noLevi, noYuda,
2noIsakare, noZebhulon, noDan, noYosefu, noBhenjamin, noNafetali, noGadi, noAshere.
3Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela. Abo bathathu wabazalelwa yintombi kaShuwa, umKananekazi. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ebenobubi emehlweni kaYehova; wambulala.
4UTamare, umolokazana wakhe, wamzalela uPeretse noZera. Bebonke oonyana bakaYuda bahlanu.
5Oonyana bakaPeretse nguHetseron, noHamuli.
6Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHaman, noKalekole, noDara; bebonke bahlanu.
7Oonyana bakaKarmi nguAkare, owawahlisela ishwangusha amaSirayeli, wenza ubumenemene entweni esingelwe phantsi.
8Oonyana bakaEtan nguAzariya.
9Oonyana bakaHetseron awabazalelwayo: nguYerameli, noRam, noKelubhayi.
10URam wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yoonyana bakaYuda.
11UNashon wazala uSalima;
12uSalima wazala uBhohazi; uBhohazi wazala uObhede; uObhede wazala uYese.
13UYese wazala uEliyabhi, amazibulo akhe, noAbhinadabhi owesibini, noShama owesithathu,
14noNataniyeli owesiné, noRadayi owesihlanu,
15no-Otsem owesithandathu, noDavide owesixhenxe.
16Oodade babo baye bengooTseruya noAbhigali. Oonyana bakaTseruya nguAbhishayi, noYowabhi, noAsaheli; bathathu.
17UAbhigali wazala uAmasa; uyise ka-Amasa ebenguYetere, umIshmayeli.
18UKalebhi, unyana kaHetseron, wazala ngoAzubha umkakhe nangoYerihoti. Ngabo aba oonyana bakhe: uYeshere, noShobhabhi, noArdon.
19Wafa uAzubha; uKalebhi wazeka uEfrata; wamzalela uHuri.
20UHuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhetsaleli.
21Emveni koko wayingena uHetseron intombi kaMakire, uyise kaGiliyadi, wayizeka eminyaka imashumi mathandathu ezelwe; yamzalela uSegubhi.
22USegubhi wazala uYahire; wayenemizi engamashumi amabini anamithathu ezweni laseGiliyadi.
23UGeshuri noAram bathabatha kubo iHavoti-yahire, neKenati, namagxamesi ayo: imizi engamashumi omathandathu. Bonke aba babengoonyana bakaMakire, uyise kaGiliyadi.
24Emva kokufa kukaHetseron kwaKalebhi yakwaEfrata, umkaHetseron, uAbhiya, wamzalela uAsuri, uyise ozala amaTekowa.
25Oonyana bakaYerameli, amazibulo kaHetseron, babengooRam amazibulo akhe, noBhuna, no-Oren, no-Otsem, noAhiya.
26UYerameli ebenomnye umfazi, igama lakhe linguAtara; ubengunina kaOnam.
27Oonyana bakaRam, amazibulo kaYerameli, babenguMahatse, noYamin, noEkere.
28Oonyana bakaOnam babenguShamayi, noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi, noAbhishure.
29Igama lomka-Abhishure nguAbhihayili;
30wamzalela uAbhan, noMolidi. Oonyana bakaNadabhi nguSelede, noApayim; wafa uSelede engazalanga.
31Oonyana baka-Apayim nguIshi. Oonyana bakaIshi nguSheshan. Oonyana bakaSheshan nguAlayi.
32Oonyana bakaYada, umninawa kaShamayi, nguYetere noYonatan. Wafa uYetere engazalanga.
33Oonyana bakaYonatan nguPelete noZaza. Ngabo abo oonyana bakaYerameli.
34USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. USheshan ebenomkhonzi ongumYiputa; igama lakhe belinguYar-ha.
35USheshan wamnika uYar-ha umkhonzi wakhe intombi yakhe, ukuba ibe ngumfazi; yamzalela uAtayi.
36UAtayi wazala uNatan; uNatan wazala uZabhadi.
37UZabhadi wazala uEfelali; uEfelali wazala uObhede;
38uObhede wazala uYehu; uYehu wazala uAzariya;
39uAzariya wazala uHeletse; uHeletse wazala uElasa;
40uElasa wazala uSisamayi;
41uSisamayi wazala uShalum; uShalum wazala uYekamiya; uYekamiya wazala uElishama.
42Oonyana bakaKalebhi, umkhuluwa kaYerameli, nguMesha amazibulo akhe, obenguyise wabaseZifi, noonyana bakaMaresha, uyise kaHebron.
43Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema.
44UShema wazala uRaham, uyise kaYorkeham; uRekemwazala uShamayi.
45Unyana kaShamayi nguMahon; uMahon nguyise wabaseBhete-tsure.
46UEfa, ishweshwe likaKalebhi, wazala uHaran, noMotsa, noGazeze; uHaran wazala uGazeze.
47Oonyana bakaYadayi nguRegem, noYotam noGeshan, noPelete, noEfa, noShahafe.
48UMahaka, ishweshwe likaKalebhi, wazala uShebhere, noTir-hana;
49wazala noShahafe, uyise wabaseMademana, noSheva uyise wabaseMakebhena, noyise wabaseGibheha; intombi kaKalebhi ibinguAkesa.
50Ngabo aba oonyana bakaKalebhi: ngoonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata; uShobhali ozala amaKiriyatiyeharim; uSalima,
51uyise wabaseBhetelehem; uHarefe, uyise wabaseBhete-gadere.
52UShobhali, uyise wabaseKiriyati-yeharim, ebenoonyana: uHarowe, noHatsihamenukoti.
53Imizalwane yaseKiriyati-yeharim ngamaItri, namaPuti, namaShumati, namaMisherayi. Baphuma kuyo abaseTsorati, namaEshtawoli.
54Oonyana bakaSalima ngabaseBhetelehem, nabaseNetofa, abaseAteroti yendlu kaYowabhi, nabaseHazi-hamanati, nabaseTsora.
55Imizalwane yababhali, abemi baseYabhetse, ngabaseTira, ngabaseShemiha, ngabaseSuka. La ngamaKeni avela kuHamati, uyise wabendlu kaRekabhi.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.