ISITYHILELO 15 - isiXhosa 1996

Ingoma yabakhululekileyo

1Ndiphinde ndabona umqondiso ocacileyo nomangalisayo esibhakabhakeni. Izithunywa ezisixhenxe zezisa ezokugqibela izibetho ezisixhenxe. Kaloku yayiza kufezekiswa ngazo ingqumbo kaThixo.

2Kwaba ngathi ndibona ulwandle olusabuglasi, luxutywe nomlilo. Kwakumi ngakulo abo babequbisene nerhamncwa baza boyisa, baphikisana nomfanekiso walo, ngokunjalo nenani legama lalo. Bonke babephethe iihapu,

3bevuma ingoma kaMosis isicaka sikaThixo neXhwane, besithi:

“Mikhulu iyamangalisa imisebenzi yakho,

Nkosi, Thixo Somandla!

Zilungile, ziyinyaniso iindlela zakho,

Kumkani weentlanga zonke!

4Ngubani obengenakunkwantya aze akubonge wena, Nkosi?

Kaloku nguwe wedwa oyingcwele.

Zonke iintlanga ziya kunqula ziqubude kuwe,

kuba izigqibo zakho ezilungileyo zicacile kubo bonke.”

Izithunywa nezibetho zokugqibela

5Emva koko ndabona ingcwele yeengcwele, isibingelelo ahlala kuso uThixo, sivuleka ezulwini.

6Kwaphuma kuso izithunywa ezisixhenxe zezibetho ezisixhenxe, zivathe ezimhlophe zelinen, zibhinqe ngeebhanti zegolide.

7Esinye sezilwanyana ezine sazinika izithunywa ezisixhenxe izitya zegolide ezalatha ukuba yayiseligcwel' ibhekile yingqumbo kaThixo ohlal' ehleli.

8*Indlu kaThixo yayiqhuma ilitsili ngumsi wesihomo namandla kaThixo. Akuzange kubekho mntu waba nakungena, zada zaba zigqithile izibetho ezisixhenxe zezithunywa ezisixhenxe.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help