IINDUMISO 30 - isiXhosa 1996

Umthandazo wokubulelaUmhobe kaDavide; iculo lokuvulwa kwendlu *kaNdikhoyo.

1Ndokudumisa, Ndikhoyo, kuba undisindisile,

akwavuma ukuba zindivuyelel' iintshaba zam.

2Ndikhoyo, Thixo wam, ndibhenela kuwe;

kuba wena undihlangule ekufeni.

3Wandikhupha kwelabafileyo wena, Ndikhoyo;

wandikhetha kwabo behlela emhadini.

4Mbongen' uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,

nilibonge igama lakhe elingcwele.

5Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;

ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.

Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,

kodwa kusasa kuba yimincili yodwa.

6Xa izinto zazindilungele,

ndandidla ngokuthi: “Andisoze ndoyisakale.”

7Ewe, ndandithe zinzi njengentaba

ngenxa yobubele bakho, Ndikhoyo.

Suka wena wasithela;

ndaza mna ndakhathazeka.

8Kodwa ndithembele kuwe, Ndikhoyo;

ndiyazithoba kuwe, Nkosi yam.

9Kukho nzuzoni na xa ndiye kwantshabalala?

Lunganako na ukukudumisa uthuli?

Khona lungabalisa na ngokunyaniseka kwakho?

10Ndive, Ndikhoyo, undenzele inceba;

Ndikhoyo, yiba ngumncedi wam.

11Wabuguqula baluvuyo ubunzima bam;

wandikhulul' ezokuzila, wandambathis' ezolonwabo.

12Mandikubonge ndingayeki, Thixo wam;

ewe, ndikubonge kude kube ngunaphakade, Ndikhoyo!

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help