UISAYA 15 - isiXhosa 1996

Udaba mayela neMowabhi

1Nalu udaba olundilisekileyo olumayela neMowabhi:

KwelaseMowabhi yimbubho yodwa;

kaloku iAri ivuthululwe ngabusuku bunye.

Kunyembelekile eMowabhi phaya;

kaloku iKiri itshatyalaliswe ngabusuku bunye.

2Nango amaDibhon enyukela endaweni yawo yokunqula,

esiya kuphalaza iinyembezi elila.

AmaMowabhi alilela iNebho neMedibha;

selede agugul' iinwele neendevu.

3Ezitalatweni ahamba enxibe ezokuzila;

phakathi kwabantu nasemakhaya sisijwili.

4AmaHeshbhon namaElale ayabhomboloza;

isikhalo sawo sivakala naseYahaza.

Kubi, namajoni ngokwawo ayakhalaza;

kaloku nawo ngoku angenwa yingevane.

5Ke mna ke ndikhalela iMowabhi,

kuba abantu bayo babhacel' eZoware,

basabele e-Egelati-sheleshiya.

Nâbo bekhwina benyuka iLuti;

benz' isimbonon' ukusing' eHoronayim,

benesingqala ngenxa yentshabalalo.

6Intlanjana yeNimrim yona yome khonkqo,

notyani ecaleni kwayo apho butshazile;

ewe, akusekho hlaza, kome khwahla.

7Ubuntwana-ntwana ababuqwebileyo nâbo bexhakazela bebuphethe,

besiya kuwela loo ngxingwa yemipampiri.

8Yintlokoma yesikhalo eMowabhi jikelele.

Eso sililo sivakala nase-Eglayim;

eso sijwili sifikelela naseBhere-elim.

9Emlanjeni kwisixeko saseDibhon namanzi ngokwawo abomvu ligazi.

Kanti ke mna Thixo ndisaza kwenza izinto zamehlo:

kuza kujub' ugodo kwaseleyo amaMowabhi!

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help