IINDUMISO 48 - isiXhosa 1996

Isixeko sikaThixo iZiyonIngoma; umhobe woonyana bakwaKora.

1*UNdikhoyo mkhulu kakhulu;

masimbonge simdumise,

esixekweni sikaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.

2Ngamalengalenga, ikwayinzwakazi,

izisa imihlali kwihlabathi jikelele.

Ewe, leyo yiNtaba iZiyon.

Emantla emalandalahla

silaph' isixeko sengangalala yokumkani.

3Kanye kwezo zakhiwo zinendili uThixo uzibalule,

yena nqaba ingafikelelwayo.

4Nâzo izikumkani zihlanganisana;

nâzo zidibana zimanyana.

5Kambe zithe zakuyalama, zasuka zamangaliswa,

zasuka zankwantya, zasaba zingabhungisanga.

6Ngoko nangoko zahlaselwa kukungcangcazela,

zatsho zazibhija-bhija njengonenimba.

7Iinqanawa zaseTashishe

wena wazintlitha ngomoya wasempuma.

8Sivile, futhi ngoku sizibonele

esixekweni sikaNdikhoyo uSomandla.

Nditsho isixeko sikaThixo wethu,

isixeko asizinzise unaphakade uThixo.

9Phakathi endlwini yakho, Thixo,

siyakwetyisa ukubalasela kothando lwakho.

10Ukudunyiswa kwakho, Thixo,

kukwanjengegama lakho,

kuthi xhaxhe ngeziphelo zehlabathi.

Ulawulo lwakho lunobulungisa.

11Mabavuye abemi beNtaba iZiyon;

mazidlokove izixeko zelakwaJuda.

Kaloku kulungile ukugweba kwakho.

12Khanihamba-hambe nijikeleze iZiyon;

zibaleni iinqaba zayo eziphakamileyo.

13Ewe, zigqaleni iindonga zayo.

Khanizihlole izakhiwo zayo,

ukuze nibalisele izizukulwana.

14Ewe, yena uThixo nguThixo wethu, ngoku nanini na.

Yena uya kusikhapha kude kuse ephakadeni.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help