UJONA 2 - isiXhosa 1996

UJona uyathandaza

1Elapho embilinini waloo ntlanzi uJona wathandaza *kuNdikhoyo uThixo wakhe,

2wathi:

“Ekubandezelekeni kwam ndakhala kuNdikhoyo,

waza ke yena wandiphendula.

Ndakhala ndisemathunjini engcwaba,

waza ke wena waliva ilizwi lam.

3Wena wandiphosa enzonzobileni,

phakath' enzulwini yolwandle,

yaza ke imisinga yandigubungela,

amaza akho alatyuza andisibekela.

4Ndathatha ndibeka ndisithi:

‘Ndigxothiwe phambi kwakho.’

Noko ke ndobuya ndiyikhangele indlu yakho engcwele.

5Andigubungela phants' andirhaxa amanzi,

ndathi zwabhabha enzonzobileni.

Izityalo zolwandle zayithandela intloko yam.

6Ndatshona ndehla mpela,

ndee xhaxhe ngeengcambu zeentaba.

Ndafika nakwelo lizwe

elivalwe mfamlibe ngemivalo.

Ke wena, Ndikhoyo Thixo wam,

wandibuyisa ndiphilile kwelo ngcwaba.

7“Ndithe ndakubona ukuba ubomi bam buyacutheka,

suka ndakukhumbula wena, Ndikhoyo,

umthandazo wam wanyukela kuwe,

waya kutsho endlwini yakho engcwele.

8Kambe ke, abazilibazisa ngezithixo ezingento yanto,

balahlekana nenceba yakho.

9Ke mna ndonikela kuwe ngedini,

ndihlabele iculo lokukudumisa.

Ndosifezekisa isibhambathiso sam.

Usindiso lukuNdikhoyo.”

10Ke kaloku uNdikhoyo wayiyalela intlanzi, yaza yamhlanza uJona emhlabeni owomileyo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help