IINDUMISO 3 - isiXhosa 1996

Umthandazo wokucela uncedo kusasaUmhobe kaDavide xa wayesaba uAbhasalom unyana wakhe.

1*Ndikhoyo, hay' ukuba ninzi kwazo iintshaba zam!

Ewe, zindivukela zinguMbo nomXesibe.

2Zide zithi xa zithetha ngam:

“Naloo Thixo wakhe akamhlanguli konke!”

3Kambe ke, wena Ndikhoyo, ulikhaka lam.

Usisidima sam; undenza ndibe neqhayiya.

4Ndiyakhala, ndibhenele kuNdikhoyo,

andiphendule esentabeni yakhe eyodwa.

5Ndiyaphumla, ndilale ubuthongo,

ndibuye ndivuke, kuba uNdikhoyo uyandixhasa.

6Andiwoyiki amawaka-waka eentshaba,

naxa zindirhawule nje, zindingqonge macal' onke.

7Khawuphakame ume, Ndikhoyo!

Ndisindise, Thixo wam!

Kaloku nguwe ozoyisayo zonk' iintshaba zam;

ewe, nguwe ozaphul' iimpondo iintshaba zam.

8Ukuhlangulwa kuvela kuwe, Ndikhoyo;

khawubathamsanqele ke abantu bakho!

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help