KUMAHEBHERE 6 - isiXhosa 1996

1Ngoko ke masizishiye iimfundiso zabaqalayo, siqhubele phambili kwezo zamakholwa akhulileyo. Masingabi saphindela emva, sibeka iziseko zokukholwa kuThixo, nenguquko kwimisebenzi ephuthileyo esasiyenza,

2sifundisa ngobhaptizo, nokubekwa kwezandla, ngokuvuka kwabafileyo, nomgwebo ongunaphakade.

3Emandleni eNkosi siya kuyenza ke loo nto.

4-6Abantu ababekhe balungcamla ukhanyiselo, basiva isipho sasezulwini, baba nenxaxheba kuMoya oyiNgcwele, bakuva nokulunga kwelizwi likaThixo namandla ephakade elizayo, baza ke bakreqa, kungangenkankulu ukuba babuye baguqulwe. Kaloku kwabona baphinde bamxhoma uNyana kaThixo, bamenza isigculelo nentlekisa.

7Intsimi ezifunxayo iimvula ezinayo, ize ivelise isivuno esimkholisayo umniniyo, iyathamsanqelwa nguThixo.

8Kanti ke esuka ivelise ukhula nameva ayinto yanto, iphuthile, ifanelwe ngumlilo.

9Zihlobo zam ezithandekayo, nakuba ndithetha ngolu hlobo nje, ndeyisekile kukuba nikwimeko efanelekileyo elusindisweni.

10Kaloku yena uThixo akalotshijolo: akazange awulibale umsebenzi eniwenzileyo ngenxa yakhe, nothando enilubonakalise ngokulungiselela abantu bakhe – msebenzi lowo nisawuqhubayo unangoku.

11Umnqweno wam kukuba nonke ngabanye ninga ningaqhubela phambili, nilubonakalisa olo langazelelo, lide lizaliseke ithemba lenu.

12Andinqweneli ukuba nibe ngamanqenerha, koko ndifuna ukuba nilinganise abo bathe ngokholo nomonde balidla ilifa lezithembiso.

Isithembiso sikaThixo

13UThixo xa wayesenza isithembiso kuAbraham wazifunga kwayena; kaloku kwakungekho bani mkhulu kunaye wayengamfungayo.

14Wenjenje ukuthetha: “Ndiya kukunisela amathamsanqa, sande sibe yinyambalala isizukulwana sakho.”

15Ngenxa yomonde uAbraham wasizuza eso sithembiso.

16Abantu xa befunga, bafunga lowo mkhulu kunabo; futhi ke isifungo siyayinqanda impikiswano.

17NoThixo ke, xa wayefuna ukucacisela iindlalifa zesithembiso sakhe ukungaguquki kwenjongo yakhe, wasebenzisa isifungo.

18Nâzo ke izinto ezimbini ezingenakujikwa – isifungo nesithembiso – ibe ke noThixo akanakuxoka. Ngoko ke thina basindileyo siyakhuthazwa ukuba sibambelele nkqi kweli themba liphambi kwethu.

19Eli themba ke liyintsika yobomi bethu. Liyasikhusela, futhi lisisiqinisekiso. Lingena liye kutsho ngaphaya komkhusane,

20apho uYesu aye kungena khona njengovulindlela omele thina. Kaloku yena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki oya kuhlala ehleli.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help