UJEREMIYA 47 - isiXhosa 1996

Udaba malunga neFilistiya

1Nali ilizwi *likaNdikhoyo elavakala kumshumayeli uJeremiya mayela neFilistiya ngaphambi kokuba ukumkani waseJiputa ahlasele iGaza;

2lithi utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Khangela ukuvumbuluka kwamanzi ngasentla

atsho abe ngumdolomba oya kugubungela umhlaba

nako konke okukuwo,

izixeko nabemi bazo.

Abantu baya kukhala,

batsho ngesijwili bonke abemi balapha.

3Ngenxa yesingqi sokuphala kweembalasane zamahashe,

nokugoqoza kweenqwelo,

nokuxokozela kwamavili,

ooyise babashiye enyanyeni abantwana,

kuba izandla zabo ziwile.

4Kaloku ufikile umhla wokutshatyalaliswa kwawo onke amaFilistiya,

nokuphanziswa kwawo onke amasalela anokunceda iTire neSidon.

Kaloku uNdikhoyo uza kuyitshabalalisa iFilistiya

elisalela lababevela kwisiqithi saseKafetori.

5IGaza iza kucheba izile,

iAshkelon yona ikhwankqiswe.

Masalelandini asemathafeni,

koda kube nini na nizicenta nimbambazela?

6“ ‘Hayi bo, krelendini likaNdikhoyo,

wopheza nini na?

Rhoxa ubuyele esingxotyeni,

uphumle uzole.’

7Kambe ke lingathini ukuphumla

uNdikhoyo elinike umsebenzi nje eAshkelon

nakumathafa angaselwandle?

Uthe maliye kutyakatya apho.”

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help