IINDUMISO 95 - isiXhosa 1996

Ingoma yokubonga

1Yizani sombelele *uNdikhoyo,

simculele sigcobile umkhuseli nomsindisi wethu!

2Masiye kuye sinombulelo,

simombelele iingoma zokubonga.

3Kaloku uNdikhoyo nguThixo onamandla,

ngukumkani omkhulu *kwizithixo zonke.

4Lisesandleni sakhe ihlabathi liphela;

iinzulu neencopho zilawulwa nguye.

5Ulawula ulwandle kuba walwenza;

nomhlaba wawudala ngezandla zakhe.

6Yizani siqubude simnqule,

siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu,

7kuba yena nguThixo wethu.

Thina singumhlambi awalusayo,

iigusha ezondliwa nguye.

Namhla liveni ilizwi lakhe elithi:

8“Musan' ukuba neenkani, njengookhokho benu eMeribha,

njengemihla yaseMasa entlango,

9apho bandilingayo,

naxa babezibona izinto endandibenzela zona.

10Iminyaka emashumi mane bandikruqula,

ndada ndathi: ‘Hay' ukungeva kwabo;

abayithobeli imiyalelo yam.’

11Ngoko ke ndafunga ngomsindo, ndathi:

‘Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help