UYOSHUWA 14 - isiXhosa 1996

Ukwabiwa komhlaba ongasentshonalanga kweJordan

1Le yinkcukacha yokwabelwa kwamaSirayeli umhlaba waseKanana ongasentshonalanga kweJordan. Lo mhlaba wabelwa abantu nguElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNune, bekunye neentloko zezindlu zezizwe zamaSirayeli.

2Umhlaba olilifa lezizwe ezilithoba elinesiqingatha wasikwa ngokwenza *amaqashiso ngokomyalelo *kaNdikhoyo kuMosis.

3-4Umhlaba ongasempumalanga kweJordan uMosis wayeselewabele izizwe ezibini ezinesiqingatha. (Inzala kaJosefu yayizizizwe ezibini: esakwaManase nesakwaEfrayim.) Kambe ke abaLevi bona uMosis akazange ababele mhlaba. Ndaweni yaloo nto babelwa izixeko bahlala kuzo, kunye namadlelo empahla.

5AmaSirayeli awaba loo mhlaba kanye ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.

IHebron yabelwa uKalebhi

6Abantu besizwe sakwaJuda bafika kuYoshuwa eGiligali, uKalebhi unyana kaJefune umKenezi wathi kuYoshuwa: “Uyayazi into eyathethwa kuMosis umfo wakwaThixo *nguNdikhoyo mayela nawe kunye nam eKadeshe-bhaneya.

7Ndandimashumi mane ubudala ngamhla uMosis wandithumayo ndesuka eKadeshe-bhaneya ndaza kuhlola lo mhlaba. Ndamphathela ingxelo ngokungafihlisi,

8kuba ndamthobela ngomxhelo wam wonke uNdikhoyo uThixo. Kambe ke amadoda awayekunye nam abatsho bankwantya abantu.

9Ke ngoko uMosis wafunga wathi kum: ‘Inene, laa mhlaba unyathele kuwo woba lilifa lakho ndawonye nenzala yakho ngonaphakade, kuba umthobele ngomxhelo wonke uNdikhoyo uThixo wam.’

10Ke uNdikhoyo usandigcinile njengoko wathembisayo. Kambe sekudlule amashumi amane anantlanu eminyaka oko uNdikhoyo wathetha loo nto kuMosis ngokuya amaSirayeli ayebhadula entlango. Ndim lo ke, ndimashumi asibhozo anantlanu eminyaka ndisidla amazimba,

11kodwa ndisengumqabaqaba njengoko ndandinjalo ukundithuma kwakhe uMosis. Ndisomelele; ndingaya emfazweni, ndingenza nantoni na.

12Ngoku ke ndabele eliya leentaba ndalithenjiswa nguNdikhoyo mhla ndenza ingxelo. Nawe ngokwakho weva ngaloo mini ukuba olwaa hlanga lweengxilimbela kuthiwa ngama-Anaki ayehlala apho ezixekweni ezikhulu ezingqingwe ngeendonga. Ukuba uNdikhoyo ungakum ndozichitha kanye njengoko yena watshoyo.”

13UYoshuwa wamsikelela uKalebhi unyana kaJefune, wamabela iHebron yaba lilifa lakhe.

14Unanamhla oku iHebron iseyeyenzala kaKalebhi unyana kaJefune umKenazi, kuba yena wamthobela ngomxhelo wonke uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

15Ngaphambili iHebron kwakusithiwa sisixeko sika-Arbha. (UArbha ngoyena mAnaki mkhulu.)

Kwabakho uxolo elizweni.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help