IINDUMISO 65 - isiXhosa 1996

Elokudumisa nokubulelaKumbhexeshi-kwayara; umhobe oculwayo kaDavide.

1Ufanelwe kukubongwa, Thixo, eZiyon,

zifezekiswe kuwe izibhambathiso.

2Wena uyawugqala umthandazo;

bonke baya kuza kuwe.

3Ngenxa yobugwenxa bethu

iziphoso zethu ziyasongamela,

kodwa wena uyasixolela.

4Uthamsanqelekile omnyulayo wena.

Lowo umhlalisa enkundleni yakwakho.

Siya kufumana ukwanela endlwini yakho,

apho kukho ubunewu-newu nobungcwele.

5Ngemisebenzi yakho emangalisayo

uyasiphendula usikhulule.

Thixo, wena uyinkululeko kuthi.

Ihlabathi liphela lithembele ngawe,

nditsho neelwandle jikelele.

6Iintaba waziseka ngegunya lakho,

zingumzobo wamandla akho.

7Ungumthozamisi weelwandle ezilwayo,

umthibazi wamaza alatyuzayo,

umthomalalisi wezizwe ezixokozelayo.

8Nabaseziphelweni zehlabathi bathi,

bakuzibona ezi zinto, barhwaqele.

Ngapha nangapha wena uhlwayela ulonwabo.

9Ilizwe wena ulalusa ngemvula;

wena ulitsho libe yintombazana.

Ke yona imilambo iyankcenkceza;

uyabalungiselela bafumane indyebo.

10Amasimi uwavathisa ngemvula, atsho ee thinte ngamanzi.

Umhlaba uwunyakamisa ngomvimbi, zitsho ziqhame izityalo.

11Unyaka uwuthi jize ngendyebo,

kuvuz' ubusi namafutha kwimizila yeenyawo zakho.

12Amadlelo athe thande yimfuyo;

iinduli zimbeje-mbeje, ziyavuya.

13Idobo liphanjwe yimihlambi;

iintili zivathiswe likhaba.

Ziyakratsha, ziyacula zinemincili.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help