EYONQULO 12 - isiXhosa 1996

Ukuhlanjululwa kwamakhosikazi emva kokubeleka

1*UNdikhoyo wanika uMosis le miyalelo

2ukuba ayigqithisele kumaSirayeli: Umdlezana emva kokubeleka inkwenkwe woba *nomlaza iintsuku ezisixhenxe, kanye njengoko aba njalo xa esexesheni.

3Ngosuku lwesibhozo usana olo kufuneka lwaluswe.

4Kodlula amashumi amathathu anantathu eentsuku ngaphambi kokuba loo mdlezane ahlambuluke ekopheni. Kufuneka angaphathi nanye into eyahlulelwe uThixo, angasondeli nokusondela *esibingelelweni kude kuphele ixesha lokuhlanjululwa kwakhe.

5Umdlezana emva kokubeleka intombazana woba nomlaza iintsuku ezilishumi elinane, kanye njengoko aba njalo xa esexesheni. Kodlula amashumi amathandathu anantandathu eentsuku ngaphambi kokuba ahlambuluke ekopheni.

6Lakufika ixesha lokuhlanjululwa kwakhe, nokuba ebebeleke inkwenkwe okanye intombazana, kufuneka ase itakane elinonyaka kumbingeleli ekungeneni kwesibingelelo, eliza kuba lidini elitshiswayo, kunye nevukuthu okanye ihobe lokwenza idini lokucamagushela isono.

7Umbingeleli wolinikela idini elo kuNdikhoyo, aze loo mdlezane ahlambuluke ekopheni. Nantso ke into emayenziwe ngumdlezana, nokuba ubeleke inkwenkwe okanye intombi.

8Ukuba loo mdlezana akanako ukuzisa itakane, makeze namahobe amabini okanye amavukuthu amabini. Elinye loba leledini elitshiswayo, elinye libe lelokucamagushela isono. Ngokwenjenjalo umbingeleli uya kumcamagushela, aze loo mdlezana ahlambuluke.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help