UHOSIYA 5 - isiXhosa 1996

USirayeli uyagwetywa

1“Bekan' iindlebe nive, babingeleli!

Khaniphulaphule, ndlundini kaSirayeli!

Qwalaselani niqiqe nani, makomkhulu,

kuba kaloku ngoku zidla kuni.

Kaloku nibe sisirhintyelo eMizpa,

suka nina nangumgibe eTabhore,

2suka nemba umhadi eShitim.

Ukanti ke ndiza kunohlwaya xa ninonke.

3Kaloku ndiyanazi, ndlundini kaEfrayim;

ewe, Sirayeli, awufihlakalanga apha kum.

Wena Efrayim, usahenyuza nangoku!

Mh-mh-mh! Urhono-rhono, Sirayeli!

4“Izenzo zabo zisuke zaxaba,

zayivala indlela yokubuyela kuThixo wabo.

Kaloku bathiwe fithi luhenyuzo;

abamkhathalele nganto *uNdikhoyo!

5Ikratshi likaSirayeli liyamjikela;

uSirayeli noEfrayim baza kukhubeka bawe ngenxa yobugwenxa babo,

kwanoJuda atsho akhubeke awe kunye nabo.

6Baxhakazela behamba nemihlambi yabo,

befuna uNdikhoyo ngamadini,

kodwa soze bamfumane;

kaloku yena urhoxile kubo.

7Kaloku bona bayamphamba uNdikhoyo;

ewe, bade bazale nemigqakhwe.

Ke amatheko abo okuthwasa kwenyanga

obaqwenga kunye namasimi abo.

8“Hlokomisan' isigodlo eGibheya,

nihlab' umkhosi ngexilongo eRama.

Ze niwuvakalise naseBhetaven.

Phakath' emsini, wena Bhenjamin!

9Yeka ke ngomhla wesohlwayo:

uEfrayim yena ndomvuthulula.

Nonke nina zindlu zikaSirayeli,

yazini, kuba oku kuqinisekile.

10Kaloku wona amatshawe akwaJuda

selefana nâbo bahlehlisa umlimandlela.

Ndosuka ndibagalele ngomsindo wam,

babe ngathi bafikelwe ziimpuphuma.

11Ewe, uEfrayim ubandezelekile;

suka wamvikiva umgwebo,

kuba yena usukelana nezithixo ezingento yanto.

12Ndoba njengenundu kumaEfrayim,

ndibe njengombolisa kwaJuda.

13UEfrayim wasibona isifo sakhe,

noJuda wazibona iinduma zakhe.

Suka uEfrayim wabhenel' eAsiriya,

wazibika apho kukumkani uYarebhi;

kodwa yena nkqi ukunyanga,

soze aziphozise ezo nduma.

14Ke kuEfrayim ndoba njengengonyama;

ewe, ndibe lirhamncwa kwindlu kaJuda.

Ndobaqwenga-qwenga ndibashiye,

ndibafuduse bangahlangulwa bani;

15ndize ke ndibuyele endaweni yam,

bade basivume isono sabo,

banqwenele ukububona ubuso bam.

Ewe, bondizingela bendifuna

ngenxa yokuminxwa ziimbandezelo.”

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help