IINDUMISO 103 - isiXhosa 1996

Izibele zikaThixoUmhobe kaDavide.

1Mbonge *uNdikhoyo, moya wam!

Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke!

2Moya wam, mbonge uNdikhoyo,

ungaze uyilibale imisebenzi yakhe emihle nanini-nanini:

3uloxolela zonk' izono zam;

ulophilisa zonk' izifo endinazo;

4ulohlangula ubomi bam enzonzobileni,

andambese ngezibele nangenceba;

5ulondenzel' izintw' ezintle ebomini,

ndihlale ndingumqaba-qaba njengokhozi.

6NguNdikhoyo obonelela abacinezelweyo ubulungisa;

ewe, nguye obagwebelayo bonke ngokungenaxanasi.

7Wamazisa icebo lakhe uMosis;

wawabonisa amaSirayeli amandla akhe.

8UNdikhoyo unenceba nesisa;

uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele.

9Kaloku akasolok' engxolisa, yaye akananqala.

10Akasohlwayi njengoko sifanelwe kukohlwaywa,

engaziphindezeli ngokwezigqitho zethu.

11Kungangokuba kude kwesibhakabhaka emhlabeni

ukubalasela kwezibele zakhe kwabamhlonelayo;

12ulogxoth' izono zithi qelele kuthi

njengempumalanga nentshonalanga.

13Bufana nomzali kubantwana

ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

14Kaloku uyasazi into esiyiyo;

uyaqonda ukuba siluthuli.

15Yen' okokwakhe umntu uyafana nje nengca:

uyakhula, achume okwentyatyambo.

16Suka uvuthuze won' umoya,

iphephethek' intyatyambo,

ingab' ibekho kuloo ndaw' ibikad' ikuyo.

17Ke zon' izibele zikaNdikhoyo zivelela abamhloneleyo;

uhlala enobubele kwizizukulwana ngezizukulwana,

18kwabanyanisekileyo kumnqophiso wakhe

nabathobela imithetho yakhe.

19UNdikhoyo ungqendev' esihlalweni sakhe ebhotw' ezulwini;

ulawulo lwakhe luqhakamshela ihlabathi liphela.

20Mbongeni uNdikhoyo, nina zithunywa zakhe ezinamandla;

mbongeni, nina nibalasele ngokumthobela;

liphulaphuleni ilizwi lakhe.

21Mbongeni, uNdikhoyo, nina mikhosi yezulu;

mbongeni, nina zicaka zakhe.

22Nani zidalwa, khanimbonge nonke,

kuzo zonk' iindaw' alawula kuzo.

Nawe, moya wam, mbonge uNdikhoyo!

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help