IINDUMISO 49 - isiXhosa 1996

Musa ukukholosa ngobutyebiKumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakwaKora.

1Phulaphulani, nonke zizwe!

Yivani, nonke bemi behlabathi!

2Iindidi zonke maziphulaphule,

izityebi ngokunjalo namahlwempu!

3Ngoku ndiza kuphokoza ubulumko,

iingcamango zam zizal' ukuqiqa.

4Ndiza kujongana nentsonkotha;

ndiza kuyichaza ngengoma yehapu.

5Ndingoyika ntoni ngemihla yobubi,

xa ndingqongwe yinkohlakalo yabakhohlisi,

6abantu abaqamele ngobutyebi,

abaqhayisa ngentabalala yobutyebi?

7Umntu akanako ukusindisa umntu;

akanako ukunika uThixo ixabiso lobomi bakhe.

8Nakanye! Kaloku ixabiso lobomi bomntu likhulu.

Alifikeleleki mpela-mpela

9elo linokumenza abe sisimakade,

angaze alibone ingcwaba.

10Uyabona, kaloku nezilumko ziyafa,

izidenge kwanezityhakala!

Ubutyebi babushiya kwabakhoyo.

11Amangcwaba likhaya labo naphakade.

Baya kuhlala khona njalo-njalo,

nakuba babefudula benemihlaba ebizwa ngabo.

12Umntu akanako ukukuphepha ukufa ngokuba esisinhanha.

Hayi bo! Uyatshabalala njengezilwanyana.

13NĂ¢so ke isiphelo sabasweli-kuqonda,

abo bakhohliswa ziingcinga zabo.

14Bamiselwe ukufa njengeegusha;

bona baxhatshazwa kukufa.

Bathi ngqo behlele engcwabeni,

onke amathambo abo avuthuluke,

kuba kaloku bona abasekho.

15Ke mna ke, uThixo uya kundikhulula;

uya kundihlangula andithathele kuye.

16Sukuxhala wakubona umntu ehluma,

wakubona ubutyebi bakhe bukhula.

17Akanakuhamba nabo xa afayo;

ubutyebi buya kusala ngasemva.

18Nakuba ebezicingela ukuba wonwabile ngokuya ebesaphila,

nokuba ebenconywa ngempumelelo,

19wohamba aye kuhlala namanyange

angaze abonane nokukhanya.

20Umntu osisinhanha, kodwa engenangqiqo,

uyafana nje nezilwanyana ezi zitshabalalayo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help