IINDUMISO 53 - isiXhosa 1996

Abakhohlakeleyo(Ndum 14)Kumbhexeshi-kwayara; umbongo kaDavide; iculo lokukhuza.

1Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo.

Zonakele, futhi zenza amasikizi;

akukho ulungisayo kuzo.

2Ke yena uThixo ubabukele abantu;

uhlel' ezulwini efuna ukuqonda

ukuba ngaba sikho na isilumko,

nditsho ofuna ukunqula uThixo.

3Kambe ke bonke bemkile; xa bebonke bonakele;

kubo akakho olungisayo; nditsho nokuba abe mnye.

4Abanangqondo na abakhohlakeleyo,

abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka,

bengamnquli nokumnqula uThixo?

5Baya kunkwantya ngendlela engaziwa mntu.

Kaloku uThixo uyawasarhaza amathambo âbo bamchasayo.

Baya kuhlazeka kuba uThixo ubalahlile.

6Akwaba ingavela eZiyon inkululeko yamaSirayeli!

Akuba uThixo eyibuyisele inkqubela yabantu bakhe,

abakwaYakobi baya kugcoba, achulumache amaSirayeli.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help