IINDUMISO 52 - isiXhosa 1996

Ukugweba nokubabala kukaThixoKumbhexeshi-kwayara; umbongo kaDavide, ngexesha uDowegi umEdom exelela uSawule ukuba uDavide usemzini ka-Ahimeleki.

1Uqhayisela ntoni ngobubi, gorhandini,

usithi inceba kaThixo iphezu kwakho?

2Usoloko uzungula ukutshabalalisa.

Ulwimi lwakho alubukhali, yintshengeca!

Uhlala uyila ubutshijolo.

3Uthanda okubi kunokulungileyo;

uthe phithi bubuxoki endaweni yenyaniso.

4Hayi ke bethu umntu onolwini!

Uyakuthanda ukuphixanisa.

5Ke yena uThixo uya kukudiliza kuthi tu;

uya kukuthi xhakamfu, akukhuphe endlwini yakho;

uya kukuncothula umke ezweni labaphilayo.

6Akuyibona le nto amalungisa omangaliswa ahlekise athi:

7“Nanko ke umntu ongazange akholose ngoThixo,

owasuka wakholosa ngobutyebi,

waphumelela ngobutshijolo!”

8Ke mna ndinjengomnquma oyokoyoko;

ndihlala phakathi endlwini kaThixo.

Ndihlala ndikholose ngezibele zothando lukaThixo;

kuya kude kube ngunaphakade.

9Ngenxa yesi senzo sakho, Thixo, ndiya kukudumisa njalo-njalo.

Ndithembele kuwe kuba ulungile.

Ewe, ndiya kukubhengeza phakathi kwâbo bakuthandayo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help