UISAYA 61 - isiXhosa 1996

Iindaba ezimnandi zovuyo

1Ke mna ndonganyelwe nguMoya woMhlekazi *uNdikhoyo,

kuba kaloku uNdikhoyo undithambisile.

Undithume ukubhengeza iindaba ezimnandi kumahlwempu,

ndibophe abantliziyo zingamahlwili,

ndibhengeze ukukhululeka kwabathinjwa,

ndazise inkululeko kumabanjwa.

2Undithume ukuba ndivakalise ndithi

uthwasile unyaka wobabalo lukaNdikhoyo,

umhla wempindezelo yoThixo wethu.

Uthi mandithuthuzele abo banesingqala;

3ewe, abo banesingqala eZiyon mandibathi jize ngesithsaba endaweni yezimnyama,

intambiso yolonwabo endaweni yokulila,

ndibathi wambu ngengoma yochulumacho endaweni yomva-ndedwa.

Kaloku bona kothiwa bayimithi yobulungisa,

imithi etyalwe nguNdikhoyo ngokwakhe,

ukuze baphuhlise isihomo sakhe.

4Bona baya kuzivusa izixeko zamandulo,

bawavumbulule namabhodlo asel' adilizwa.

Baya kuzakha izixeko esezingamabobosi,

ezo zatshatyalaliswa kwizizukulwana ezadlulayo.

5Ke zona iintlanga ziya kwalusa imihlambi yenu,

zilime amasimi, zijonge nezidiliya zenu.

6Ke nina noba ngababingeleli bakaNdikhoyo;

niya kuba zizicaka zikaThixo wethu;

niya kubuxhamla ubutyebi bezizwe,

nitsho nizingce niqhayise ngabo.

7Endaweni yokuhlazeka abantu bam bofumana isabelo esiphinda-phindiweyo,

endaweni yokunyoshoza bofumana ilifa elonwabisayo;

ewe, boba nenxaxheba yelifa eliphinda-phindiweyo kwelakowabo,

bahlale ngolonwabo olungasoze luthini.

8Ke yena uNdikhoyo uthi:

“Mna Ndikhoyo ndithanda impatho enolungelelwano;

ndikuthiyile ukuphanga nobubhovu-bhovu.

Ndingothembekileyo nje, abantu bam ndobanika umvuzo,

ndibenzele umnqophiso ongasoz' uthini.

9Isizukulwana sabo soba ngoodumezweni,

inzala yabo yaziwe naziintlanga.

Bonke abababonayo baya kuvuma bathi:

‘Luhlanga oluthamsanqelweyo nguNdikhoyo.’ ”

10Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo;

umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam.

Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso,

ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa,

ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli,

ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso.

11Kwanjengokuba umhlaba uyintshulisa imbewu,

zitsho zikhule nezityalo ezisemyezweni,

noMhlekazi uNdikhoyo wotyala ubulungisa nendumiso,

zintshule zikhule kuzo zonke izizwe.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help