1Ukuba *uNdikhoyo akayakhi indlu,
bafumana bebulaleka abayakhayo.
Ukuba asaluswa nguNdikhoyo isixeko,
ancam' ubuthongo ngelize amajoni alindayo.
2Ngamampunge ukuzabalaza uzam' ukuzixhasa,
uvuka ngentseni, ulal' ezinzulwini,
ungumaphila-kukuzenzela.
Kaloku uNdikhoyo uyabaxhasa abakhe;
ewe, yena ubaxhasa belele.
3Uyabona ke, oonyana lilifa elivela kuNdikhoyo;
ngenene, abantwana sisipho esivela kuye.
4Oonyana bendodana bafana neentolo
elixhobe ngazo ijoni.
5Hay' ukuzimaseka kwendoda enesiphampa sazo!
Ayisoze yadeleka mpela,
naxa ixambulisana neentshaba enkundleni.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.