1USirayeli makabalise athi:
“Iintshaba zandihlasela kwandiseyimveku.
2Ewe, zanditshutshisa kwandiselula,
kodwa zange zindongamele.
3Zandixobula umqolo, ndangathi bendilinywa.
4Kambe ke yena *uNdikhoyo ulilungisa;
undikhulule kwiimbophelelo zabakhohlakeleyo.”
5Bonke abayithiyileyo iZiyon mababuye bephoxekile.
6Mabafane nengca entshula phezu kwendlu,
yona idodobalayo ingakhuli.
7Ayide isikwe nokusikwa;
futhi ayiqokelelwa ibe zizipha.
8Nabadlulayo abatsho nokutsho ukuthi:
“UNdikhoyo makanithamsanqele;
thina siyanithamsanqelisa egameni likaNdikhoyo!”
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.