1*Ndikhoyo, ndibhenela kuwe; nceda ndivelele.
Khawubek' iindlebe, usabele ndakukhala.
2Umthandazo wam mawube sisiqhumiso kuwe,
ukuphakama kwezandla zam kube ngumnikelo wamatshona.
3Ndikhoyo, wumisele umlindi umlomo wam;
imilebe yam mayihlale yalusiwe.
4Ndenze ndikucezele ukwenza ububi,
ndingazixakekisi ngezenzo zenkohlakalo,
ndingahambisani nabantu abakhohlakeleyo.
Mandingaze ndizixhamle izimuncu-muncu zabo.
5Noba lingandohlwaya ilungisa – yinyhweba leyo;
nokuba liyandikhalimela – yintsikelelo leyo;
ewe, andinakuphikisana nayo.
Umthandazo wam uchasene nezenzo zamatshijolo.
6Iziphathamandla ke zophoswa emaweni;
izikhohlakali ke zona zotsho ziqonde,
zivume ukuba amazwi am afanelekile.
7Bosuka baphoxise ke bathi:
“Kutsho kwangathi kuyakhutyelwa,
namathambo ethu nango ethe saa;
ewe, athe xhaxhe ngamangcwaba.”
8Ke mna ndijonge enkalweni
kuwe, Ndikhoyo, Thixo wam.
Ndilangazelela ukukhuselwa nguwe;
ungandishiyi ndisesichengeni.
9Ndihlangule kwimigibe abandibekele yona,
nakuzo izabatha zabakhohlakeleyo.
10Abakhohlakeleyo mababanjiswe kwayimigibe yabo,
mna ke ndingabi nawo nomkrwelo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.