IINDUMISO 90 - isiXhosa 1996

ICANDELO LESINE(IiNdumiso 90 – 106)Amandla kaThixo nobulwelwe bomntuUmthandazo kaMosis, isicaka sikaThixo.

1Usoloko ulikhaya lethu, wena Nkosi,

izizukulwana ngezizukulwana.

2Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi,

ubusel' ukade unguThixo wena kwanini-nini.

3Umbuyisela kwaseluthulini umntu, usithi:

“Buyela apho ubuvela khona, mntundini!”

4Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,

lona liyafana nemini yezolo,

lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.

5Uphephetheka njengephepha umntu;

uphela okobuthongo, abune njengengca,

6yona iba luhlaza kusasa,

ithi kwakuhlwa ibe selintshwenyile.

7Siyaphela kaloku yingqumbo yakho,

uyasigqiba umsindo wakho.

8Izono zethu zaziwa nguwe,

nezifihliweyo zisekuhleni kuwe.

9Uyinqumle imihla yethu ngenxa yomsindo,

yadlula ngathi kukuqhwanyaza.

10Iminyaka yomntu iba ngamashum' asixhenxe,

xa ngaba womelele ibe ngamashum' asibhozo;

kodwa iza neenkxwaleko neentsizi,

imihla yethu ithi tshe iphele.

11Ngubani owaziyo umsindo wakho;

ingubani oluqondayo unkwantyo oluza nengqumbo yakho?

12Sifundise ukuyiqingqa imihla yethu,

ukuze sizuze ubulumko.

13Yiba nebuyambo, *Ndikhoyo;

koda kube nini usifulathele?

Yiba nenceba kuthi zicaka zakho.

14Sithululele izibele zakho kwangentseni,

size sonwabe, simemelele yonke imihla yobomi bethu.

15Sithuthuzele kaloku wakuba usohlwayile;

sonwabe kangangoko ubusibandezele.

16Bubonakalise ububele bakho kuthi zicaka zakho,

ukuze nesizukulwana sethu sisazi isihomo sakho.

17Nkosi, Thixo, sithamsanqelise!

Siphumelelise kuyo yonke imizamo yethu;

ewe, yiphumelelise yonke imizamo yethu.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help