IINDUMISO 146 - isiXhosa 1996

Ukubonga uThixo onguMsindisi

1Aa! Bayethe, Mhlekazi!

Duma ukhahlele *kuNdikhoyo, mphefumlo wam!

2Ndiya kumbonga uNdikhoyo lo gama ndisadla ubomi;

ndiya kuhlabela indumiso,

ndibonge uThixo wam bonke ubomi bam.

3Musa ukukholosa ngamanene;

sukuthemba umntu, kuba akaloncedo.

4Uthi akuba efile abuyele emhlabeni;

ngaloo mini buyatshitsha ubuchule bakhe.

5Hay' inyhweba yalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi,

lowo uthembele ngoNdikhoyo uThixo wakhe;

6ongumenzi wamazulu nehlabathi,

ulwandle neento zonke ezilapho kulo;

yena ungajikiyo kwizithembiso zakhe;

7umthetheleli wâbo baxhatshazwayo;

umondli wâbo balambayo.

UNdikhoyo uwathi jize ngenkululeko amabanjwa.

8UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,

umphakamisi wâbo bawileyo.

UNdikhoyo ngumathand' amalungisa.

9UNdikhoyo ngumkhuseli wabahambi nabangeneleli,

umxhasi wabahlolokazi neenkedama.

Ke bona abakhohlakeleyo uyabatshabalalisa.

10Kambe ke yena uNdikhoyo uya kulawula naphakade,

uThixo wakho, Ziyon, kuzo zonke izizukulwana.

Siyakhahlela, sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help