IINDUMISO 63 - isiXhosa 1996

Ukulangazelela uThixoUmhobe kaDavide xa wayesentlango yelakwaJuda.

1Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe.

Umphefumlo wam uyakulangazelela.

Ndihlala ndizula-zula ndikufuna;

ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo.

2Ndikuzingela phakathi *esibingelelweni,

ukuze ndibone amandla nesidima sakho.

3Kaloku izibele zothando lwakho ziyabugqwesa nobomi,

ngoko ndiya kuhlala ndikudumisa.

4Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;

ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo.

5Ndiya kutya ndide ndincinde amafutha;

ndiya kumemelela ndicule ndinemihlali.

6Emandlalweni wam ndicinga ngawe;

ndicamngca ngawe phakathi kobusuku.

7Kaloku wena uluncedo lwam;

ngamaphiko akho uyandikhusela, nditsho ndicule ndinemincili.

8Ndizimisele ukuthi nca kuwe;

kaloku wena uyandixhasa.

9Ke bona abafunana nobomi bam

baya kweyela kwelabafileyo.

10Baya kubulawa ngekrele,

babe lixhoba leengcuka.

11Ke yena ukumkani uvuyiswa nguThixo.

Bonke abaqamela ngaye baya konwaba.

Amaxoki ke wona aya kusikw' umlomo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help