1Igwijo lam lingentembeko nokulunga;
ndiya kukombelela lona, *Ndikhoyo.
2Ndisoloko ndikuhlonela;
woda ufike nini na, Mhlekazi?
Ndohlala ndimsulwa emzini wam;
3andisayi kumelana nobutshijolo.
Ndizithiyil' izimilo zabangahloneli Thixo;
andihambisani nazo mpela.
4Andiyi kungathembeki;
andiyi kusondela ebubini.
5Ndomlumkela umnt' onentlebendwane,
ndingalinyamezeli ikratsha negumasholo.
6Ndobamkela abahlonela uThixo kwibhotwe lam,
amagosa am abe ngabantw' abathembekileyo.
7Akukho mkhohlisi uya kuba semzini wam,
naxoki liya kuhlala apho ndikhoyo.
8Ndowatshabalalisa rhoqo onke amatshijolo elizweni,
ndibagxoth' abantw' abagwenxa emzini kaNdikhoyo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.