IZAFOBE 12 - isiXhosa 1996

1Umntu oyithandayo ingqeqesho uthanda ulwazi;

kodwa ke yena ongafuni kululekwa usisityhakala.

2Umntu oziphethe kakuhle uyathandwa nguNdikhoyo,

kambe ke akamfuni umntu onamayelenqe.

3Akakho umntu onokuzinza eqamele ngenkohlakalo;

kambe ke wona amalungisa amila abe neengcambu ezingenakugungqiswa.

4Umfazi ofanelekileyo yintshinga yendoda yakhe;

ke yena umfazi oyithwalela amahlazo indoda yakhe ufana nempehla emathanjeni ayo.

5Iingcinga zamalungisa zinyanisekile;

ke wona amacebo ezikhohlakali yinkohliso.

6Amazwi abantu abakhohlakeleyo ngawokulalela igazi;

kambe ke wona amazwi abantu abathe ngqo ayasindisa.

7Sakukhiqwa isikhohlakali iyaphela intw' ebithethwa;

kambe ke yona indlu yamalungisa ima imi.

8Umntu onengqondo uxatyisiwe;

phofu ke yena osisidodo ngengqondo akazelwe nto.

9Kulungile ukuba ngongenagama, kodwa noko unaso isicaka,

kunokuzenza isinhanha kodwa ulamba.

10Umntu olilungisa uyazazelelela iimfuno zezilwanyana zakhe;

kodwa nezona zenzo zingathi zihle zesikhohlakali ziba ngqwabalala.

11Umntu olima amasimi akhe akasweli kutya;

kambe ke bubuyatha ukulibala ngumsebenzi ongaphumi nto.

12Umntu okhohlakeleyo usoloko efuna amaxhoba azuzwe ngabantu abanobubi;

ke yona ingcambu yezityalo zamalungisa iyachuma.

13Umntu ongento ubanjiswa kwangamazwi akhe agwenxa;

ke lona ilungisa liyazikhulula enkathazweni.

14Umntu ufumana ulutho aneliswe sisiqhamo sokuthetha kwakhe;

kananjalo umsebenzi womntu ubuyela kwakuye.

15Indlela yesityhakala ibonakala ilungile kwawaso amehlo;

ke sona isilumko siyeva sakucetyiswa.

16Umntu osisiyatha uzibonakalisa kwangoko xa ecaphukile;

kanti ke yena umntu oqiqayo akazidubi ngezithuko.

17Ingqina elinyanisekileyo lithetha inyaniso;

ukanti ke ingqina elixokayo lisasaza ulwimi.

18Amazwi okulavuza ahlabanisela njengekrele;

kambe ke wona amazwi ezilumko ayaphilisa.

19Inyaniso ima ngonaphakade;

ke bona ubuxoki bobomzuzwana.

20Abo bantliziyo zinenkohliso ngabo abacebi bobubi;

kambe ke abakhuthaza uxolo bazuza ulonwabo.

21Amalungisa akahlelwa bubi;

ke bona abakhohlakeleyo baphahlwe ziinkathazo.

22UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo,

kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo.

23Umntu oqiqayo akalubhengezi ulwazi lwakhe;

ke sona isiyatha sihamba sivakalisa ubudenge baso.

24Abakhutheleyo ngabo abaya kulawula;

ke wona amavila aphelela kumsebenzi wobukhoboka.

25Amaxhala ayamtyhafisa umntu;

ke wona amazwi enkuthazo ayahlaziya.

26Ilungisa limalathisa indlela ummelwane;

ke yona indlela yabakhohlakeleyo iyabalahlekisa.

27Umntu onqenayo akayosi nenyamakazi le ayizingelayo;

kodwa ke osebenzayo uzuza impahla exabisekileyo.

28Indlela yobulungisa isinga ebomini;

ewe, yiyo leyo indlela engasingisi ekufeni.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help